Browse Results

Showing 1 through 1 of 1 results

AmaPhupha oMdanisi weBhaleyi: Ibali eliyinyani

by Michaela DePrince Elaine DePrince

UMichaela DePrince wathi xa eneminyaka emithathu wachola ifoto yomdanisi webhaleyi. Loo foto yabutshintsha ubomi bakhe. Ngelo xesha wayehlala kwikhaya labantwana abangenabazali eSierra Leone. Kodwa wakhawuleza wathathwa lusapho oluthile lwamenza umntwana walo, lwaza waya kuhlala naye eMelika. Nangona uMichaela wayeqale ngokungayazi ukuba yintoni ibhaleyi, zange ayilibale ifoto yomdanisi webhaleyi awayeyibone ebuncinaneni bakhe. Wayefuna ukonwaba njengaloo mdanisi. Umama wakhe wamsa kwizifundo zebhaleyi esakuqaphela indlela ayithanda ngayo. Yaba kukuqala kwakhe ukudanisa oko. UMichaela wachongwa njengoyena mdanisi mncinane kwiDance Theatre of Harlem yaye ngoku udanisa neDutch National Ballet, eyona nkampani iphambili kwibhaleyi. UMichaela uye wangumdanisi ophambili kwidotyhumentari eyaziwayo, iFirst Position. Ukhe wavela kwiTV amatyeli ngamatyeli, kuquka kwiDancing with the Stars, Good Morning America nakwiBBC News. Ngo-2014, iThe Times yamfaka kwi‘Top 25 Under 20’ uMichaela yaza iElle UK yamfaka kwi‘30 Under 30’. Ngo-2015, inkqubo yeTV yesiDatshi iye yalungiselela ukuba uMichaela adibane okokuqala noMegali Messac, laa mdanisi webhaleyi wayembone efotweni.

Refine Search

Showing 1 through 1 of 1 results